UMTHETHO WOKUKHUTHAZWA KOKUFIKELELEKA KULWAZI, 2000
IBHODI YEMIBONISO BHANYA-BHANYA KUNYE NOPAPASHO
INCWADI YOKUFUNDISA, NGOKWECANDELO LE-14 LE PAIA, NGOKUFIKELELEKA KULWAZI OLUGCINWE YIBHODI YEMIBONISO BHANYA-BHANYA KUNYE NOPAPASHO
INTSHAYELELO
UmThetho wokuKhuthazwa kokuFikeleleka kuLwazi (PAIA), uyimpendulo kwicandelo lama-32 loMgaqo-Siseko, obonelela wonke ubani ngelungelo lokufikelela kulo:
naluphina ulwazi olukugcino lukaRhulumente; kunye naluphina ulwazi olukugcino lomnye umntu1 kwaye luyimfuneko ekwenzeni okanye ukukhuselwa kwalo naliphina2 ilungelo.
ukukhuthaza isiko lokucaca kunye nokwenza ingxelo kwamaziko kawonke-wonke nalawo abucala ngokuthi kunikwe ilungelo lokufikelela kulwazi, kunye nokukhuthalela ukukhuthazwa kwentlalo apho abantu banganokufikelela kulo lonke ulwazi oluyimfuneko ukusebenzisa nokukhusela amalungelo abo ngokupheleleyo kunye nokufanelekileyo.
Le Ncwadi yokuFundisa inabisa iindidi zolwazi olukugcino lweBhodi yemiBoniso Bhanya-Bhanya kunye noPapasho, inkcukacha zoqhakamishelwano kunye nefomu yokucela ilungelo lokufikelela kumaxwebhu akugcino lweBhodi. Izikhokhelo zokuba i-PAIA, uluhlu lwamaxabiso omthamo afanelekileyo kunye nolunye ulwazi olunokufunyanwa kwiKhomishini yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika kwidilwsi ezidweliswe ekwisiqingatha sesi-3 seNcwadi yokuFundisa.
ISIQULATHO
Imisebenzi kunye nelwakhiwo lweBhodi yemiBoniso Bhanya-Bhanya kunye noPapasho 3
Inkcukacha zoqhagamshelwano 4
Isikhokhelo sokuba usetyenziswa njani loMthetho 4
Ukufikelela kumaxwebhu akugcino lweBhodi 5
Indidi zamaxwebhu anokufumaneka ngesicelo 6
Inkqubo zokucela 6
Izizathu zokwalelwa 6
Iinkonzo ezifumaneka kuluntu 6
Ukulungiswa kokungathotyelwa koMthetho 7
Olunye ulwazi 7
Ukufumaneka kwencwadi yokufundisa 7
Ifomu yokwenza isicelo sokufikeleleka kumaxwebhu eBhodi 8
Imisebenzi kunye nesakhiwo seBhodi yemiBoniso Bhanya-Bhanya noPapasho icandelo le-141a
Imisebenzi
Ibhodi yemiBoniso Bhanya-bhanya noPapasho ("iBhodi") yasekwa ngokwecandelo le-3 (a) loMthetho wemiBoniso Bhanya-Bhanya noPapasho, ka-1996, njengoko uhlonyelwe ("uMthetho"), ukuba wenze imisebenzi eyimfuneko ukuphumeza iinjongo zoMthetho, ebekwe ngale ndlela ilandelayo kwicandelo le-2:
ukulawula ukudala, ukuveliswa, ukuba nayo kuwe kunye nokusasazwa kopapasho oluthile kunye nemiboniso bhanya-bhanya ethile ngokwndlela yokuhlelwa, ukubekwa kwesithintelo ngokweminyaka kunye nokunika ingcebiso kubathengi, kunikwa umqwalasela ingakumbi kukhuselo lwabantwana kuxhatshazo ngokwesini okanye ukuthotywa isidima kupapasho, imiboniso bhanya-bhanya okanye kwi-Internet, kwaye ...ukwenza ukusebenzisa okunoxhatshazwa kwabantwana kusasazo olunoburheletya, imiboniso bhanya-bhanya okanye kwi-Interne kubenesohlwayo.
Ngokukodwa iBhodi:
ivavanya kwaye ihlele yonke imiboniso bhanya-bhanya, imidlalo yekhompuyutha kunye nolunye upapasho olufakwe kuyo ngokMthetho;
iqwalasela "ushishino" ukuqinisekisa ukuba luthobela izigqibo ingakumbi ngokunxulumene nezo zijoliswe ekukhuselweni kwabantwana kwizinto ezingabaphazamisa nezonobungozi kwaye nokubhenca ngaphambi kwexesha elililo amava abantu abadala;
iqwalasela amashishini ahlala abantu abadala ukuqinisekisa ukuba ahambisana nemiqathango edandalaziswe kwicandelo lama-24 loMthetho;
ukunika uncedo njengoko kuyimfuneko kwinkonzo zokumilisela umthetho kuphando kunye notshutshiso lwaboni abarheletya ngabantwana;
ukuzisa uwonke-wonke ngenjongo kunye nentsingiselo yezigqibo zohlelo kunye nengcebiso kubathengi.
Isakhiwo
Ibhodi ineGosa loLawulo eliyiNtloko namaGosa oLawulo amaKhulu amabini ukwenza isiGqeba soLawulo, kunye neqela labaVavanyi abaziNtloko kunye nabaVavanyi abanyulwe ngenkqubo yokuchonga kawonke-wonke. Igosa loLawulo eliyiNtloko linguSihlalo weBhodi kunye nesiGqeba soLawulo. Izinto ezinto ezifakiweyo kwiBhodi zivavanywa kwaye zihlelwa zikomiti zohlelo, ezenziwa ngumVavanyi oyiNtloko kunye nobuncikane besibini sabaVavanyi abanyulwe kuludwe labavavanyi abazintloko kunye nabavavanyi. Abasebenzi bolawulo kunye nabakhi-mkhanyo bethutyana bagcwalisa iqela labasebenzi beBhodi.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano Icandelo le-141b
Igosa loLwazi iGosa loLawulo eliyiNtloko
Amasekela gosa oLwazi amaGosa oLawulo amaKhulu
Umnxeba 465 6518
I-Feksi 465 6511
Isikhokhelo sokuba usetyenziswa njani lomThetho Icandelo le-141C
Umnxeba 484 8300
Ifeksi 484 1360
Ukufikelela kumaxwebhu akugcino lweBhodi Icandelo 141d
Umcimbi kunye neendidi zamaxwebhu agciniweyo
Uhlelo Iingxelo zeekomiti zohlelo kunye neBhodi yokuHlola kwimiboniso bhanya-bhanya, imidlalo yekhompyutha kunye nopapasho oluhleliweyo
Ukhululo Uluhlu lwemiboniso bhanya-bhanya kunye nemidlalo yekhompyutha ekhululiweyo kuyilo ngenxa yenjongo ezithile okanye imeko ezithile
Ubhaliso Uluhlu lwabasasazi kunye/okanye ababinisi bemiboniso bhanya-bhanya ebhaliswe kwiBhodi
Izikhalazo Iincwadi zembalelwano zezikhalazo ezisuka kuwonke-wonke
Imizuzu Imizuzu yentlanganiso yeBhodi, isiGqeba soLawulo kunye neKomiti yoPhicotho-Ncwadi
Amapolisa Iziqinisekiso ezikhutshwe ngokwecandelo lama-27 kunye nelama-28 loMthetho malunga nophando kunye notshutshiso ngobureletya babantwana
Iingxelo Iingxelo zonyaka kunye neeNgxelo zeMali ukusuka ngonyaka ka- 1998
Ingxelo yeNkomfa kaZwelonke yokuLwa ubuRheletywa kwaBantwana (ka-2000)
Ingxelo yeQela eliSebenzayo kuRheletyo lwaBantwana 
Ingxelo yeQela eliSebenzayo kuLawulo lemiboniso Bhanya-Bhanya 
Amaphepa ophando Amaphepha ophando ngeziphumo zopapasho-lwendaba kubantwana
Izicelo sokufikelela
Isicelo sokufikelela kumaxwebhu eBhodi lunokwenziwa ngokuGcwaliswa kweFomu u-A, Isinamatheliso u-B, Ummiselo we-6, oveliswe kwakhona ekupheleni kwalencwadi yokufundisa.
Indidi zamaxwebhu anokufumaneka ngesicelo Icandelo le-141a
Umthetho kunye nemiMiselo
Iingxelo zeBhodi yokuHlola yemiBoniso Bhanya-Bhanya kunye noPapasho
Upapasho olwenziwa kumaphapha-ndaba yiBhodi
Inkqubo kunye nefomu zokunikezela izinto zokuhlelwa kwiBhodi kunye/okanye ukukhululwa, ukubhaliswa kunye nokufakwa kwezikhalazo
Uvimba wolwazi ngezigqibo zokuhlela kunye nababonisi ababhalisiweyo kunye/okanye abasasazi uyayilwa kwaye uyakuba khona kwi-website kwakamsinya emva kokuba ukufakwa kolwazi kugqityiwe.
Inkqubo zokucela
Umceli kufuneka ahambisane nenkqubo ezibekwe kumThetho wokuKhuthazwa kokuFikelela kuLwazi, nawuphina uMmiselo owenziwe ngokwalomThetho kunye nakwiNcwadi yokuFundisa yeCandelo le-14 eveliswe yiKhomishini yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika, ngokunjalo naziphi na iimeko ezibekwe yiBhodi ngaphandle kokuba azingqinelani nomThetho, uMmiselo kunye neNcwadi yokuFundisa ekubhekiselelwe kuyo kwelicandelo.
Izizathu zokwalelwa
Ukongeza kwizizathu zokwala ezidandalaziswe kumThetho wokuKhuthazwa kokuFikelela kuLwazi, akukho zinto okanye ikopi zakulungiselelwa, okanyeukufikelela kuvunyelwe, kwizinto eziqulathe ukurheletywa kwabantwana ngaphandle kokuba umceli lilungu lenkonzo yokumilisela umthetho kwaye uxwebhu lolwazi okanye ukufikelela kulo kuyimfuneko ngenjongo zophando kunye/okanye ukutshutshisa.
Inkonzo ezifumaneka kuluntu Icandelo le-141f
Uludwe lweenkonzo
Uvavanyo kunye nokuhlelwa kwemiboniso bhanya-bhanya, imidlalo yekhompyutha kunye nopapasho
Ukukhululwa kumagatya oMthetho ngokwenjongo ezinyanisekileyo
Ukuqhutywa kophando ngokuphathelelene nokuqhutywa kweshishini lendawo ezihlala abantu abadala kunye nendawo ezithengisa ividiyo/iDVD jikelele
Ukunika ingcebiso kwiziphathamandla zeziqinisekiso ngokuphathelele kwimfanelo ezizizo zoshishino lwendawo zabantu abadala
Ukuqhutywa kwamaphulo olwazi kawonke-wonke kwimiba enxulumene neenjongo zoMthetho kunye nokhuseleko lwe-Internet kubantwana, kunye
Ukuqwalasela ukuthotyelwa komThetho
Ukufikeleleka kwinkonzo
Nakuphina ukufikelela kwiinkonzo ezokhona kwiBhodi kungafumaneka ngokwenza isicelo, ngokubhalela kwiGosa loLwazi Khangela isiqingatha sesi-2 ngasentla apha ngeenkcukacha zoqhagamshelwano.
Ukubandakanyeka kukawonke-wonke Icandelo le-141g
Umsebenzi ongundoqo weBhodi luhlelo lwemiboniso bhanya-bhanya, imidlalo yekhompyutha kunye nopapasho ukukhusela abantwana ekuveleni kwizinto eziphazamisayo kunye nezenzakalisayo kunye nokunika ulwazi kubathengi ukuze uluntu lwenze ukhetho olufanelekileyo lufunde ukukhetha kokubukela kunye nokufunda kwabo kunye nabantwana abakugcino lwabo. UmThetho unika ithuba lokuthatha inxaxheba kuluntu ekonyuleni abavavanyi icandelo lesi-63 kunye nokusekwa kwezikhokhelo ezisetyenziswa kwinkqubo yokuhlelwa icandelo 313. Ukumenywa kukawonke-wonke ukuze uthathe inxaxheba kuzo zombini inkqubo wenziwa kumaphapha-ndaba.
Ukongeza, uluntu lunokuthatha inxaxheba kucaciso loyilo lwezokhokhelo, ngokuthi lufake amacebo kunye/okanye lufake izikhalazo okanye izigxeko zezigqibo zabo kwiGosa leSebe eliLawulayo eliyiNtloko. (Khangela inkcukacha zoqhagamshelwano kwisiqingatha se-2 ngasentla).
Ibhodi iya kuthi, ekufumanekeni kwesicelo esibhaliweyo, ilungiselele ukuthabatha inxaxheba kwintlanganiso yokuhlela ngamalungu athile oluntu ngenjongo zokubukela kunye nokuphawula kwinkqubo yokuhlela.
Ukulungiswa kokungathotyelwa komThetho icandelo le-141h
Ibhodi njengesiseko soluntu sikazwelonke esenza izigqibo zolawulo, iphantsi komThetho woLawulo ngokobuLungisa kunye nokulungiswa kwezenzo zokushiyelela okanye ukwenza okulungiselelweyo kulamThetho. Ngokongezelelweyo umThetho onika amandla iBhodi
Olunye ulwazi Icandelo le-14 (i)
Akukho lwazi lumbi lokufakelelwa kule ncwadi yokufundisa oluthe lwamiselwa.
Ukufumaneka kwencwadi yokufundisa
Ithala-lencwadi loMzantsi Afrika eKapa, kunye
Uvimba kaZwelonke wemiBoniso Bhanya-Bhanya, iVidiyo, neZandi ePitoli
Ibhodi yemiBoniso Bhanya-Bhanya noPapasho
IFOMU A
ISICELO SOKUFIKELELA KUXWEBHU LOLWAZI LWESAKHIWO SIKAWONKEWONKE
Icandelo le-18 kumThetho wokuKhuthazwa kokuFikeleleka kuLwazi wonyaka wama-2000, umThetho weNombolo 2 ka-2000
Ummiselo
ISETYENZISWA LISEBE
Inombolo yesingqiniso:
xela isikhundla, igama kunye nefani yegosa lolwazi / usekela gosa wolwazi ngo ...umhla e...indawo.
Intlawulo yesicelo (ukuba ngaba ikhona): R...
Intlawulo yokufikeleleka :R...
INTSAYINO GAMA YEGOSA LOLWAZI / USEKELA GOSA LOLWAZI
A. Inkcukacha zesakhiwo sikawonkewonke
Igosa loLwazi/ uSekela Gosa loLwazi:
B. Inkcukacha zomntu owenza isicelo sokufikelela kuxwebhu lolwazi a Inkcukacha zomntu owenza isicelo sokufikelela kuxwebhu lolwazi kufuneka zinikwe ngasezantsi.
b Idilesi kunye / okanye inombolo yefeksi kwiRiphablikhi apho ulwazi luza kuthunyelwa khona, kufuneka inikwe.
c Ubungqina besikhundla esinikezela igunya lokuba enze isicelo, ukuba sikhona kufuneka sinamatheliswe
Amagama apheleleyo kunye nefani:
Inombolo yesazisi:
Idilesi yePosi:
Isikhundla esigunyazisa ukuba enze isicelo, xa senziwa egameni lomnye umntu:
C. Inkcukacha zomntu owenzelwa isicelo
Eli candelo kufuneka ligcwaliswe KUPHELA ukuba isicelo solwazi senziwa egameni lomnye umntu.
Amagama apheleleyo kunye nefani:
Inombolo yesazisi:
D. Iinkcukacha zoxwebhu lolwazi a Nika inkcukacha eziphelelyo zoxwebhu lolwazi olo ekufunwa ufikelelo kulo, kuquka inombolo yesingqiniso ukuba oko uyakwazi, ukwenzela ukuba uxwebhu olo lufumaneke b Ukuba isithuba esinikiweyo asanelanga, nceda qhubeleka kwiphepha elahlukileyo kwaye ulunamathisele kule fomu. Umceli kufuneka asayine kuwo onke amaphepha ongezelelweyo.
Inkcazelo yamaxwebhu okanye indawo yoxwebhu enxulumene noko
Inombolo yesingqiniso, ukuba ngaba iyafumaneka
Naziphi na iinkcukacha zoxwebhu ezingaphaya koko
E. Intlawulo a Isicelo sokufikeleleka kuxwebhu ngaphandle koxwebhu oluqulethe iinkcukacha ngawe siya kuqhutywa kuphela emva kokubhatalwa kwentlawulo eceliweyo.
b Uya kwaziswa ngesimbuku ekufuneka sihlawulwe njengentlawulo eceliweyo.
c Intlawulo emele ukuhlawulwa kuxwebhu ixhomekeka kwifomu apho ukuba nokufikeleleka kufunekayo kunye nexesha elifanelekileyo elifunekayo ukwenza uphando kunye nokulungiselela uxwebhu.
d Ukuba umceli ululungele ukhululo / ukuhlawula nayo nayiphina nceda uchaze isizathu sokhululo
Isizathu zokhululo ekuhlawuleni intlawulo:
F. Ifomu yokufikeleleka kuxwebhu
Ukuba uthintelwa bubulwelwe bokungakwazi ukufunda, ukukhangela okanye ukumamela kuxwebhu lwefomu yokufikeleleka enikiweyo ku-1 ukuya ku-4 ngasezantsi, xela ubulwelwe bakho uze ubonise ukuba uxwebhu lufuneka kweyiphi ifomu.
Ubulwelwe : Ifomu apho uxwebhu lufuneka khona
AMANQAKU:
a Ukuvumelana nesicelo sakho sokufikeleleka kwifomu ebaluliweyo kunokuxhomekeka kwifomu apho uxwebhu lufumaneka khona.
b Ukufikeleleka kwifomu eceliweyo kunokwaliwa kwiimeko ezithile. Kwimeko enjalo uya kuthi waziswe ukuba ukufikeleleka kuya kunikwa kwenye ifomu.
c Intlawulo ehlawulwayo yokufikeleleka kuxwebhu ukuba ikhona , ubuncinane bayo buya kuboniswa yifomu apho ukufikeleleka bucelwayo.
Ukuba uxwebhu lukwimo ebhaliweyo okanye eshicilelweyo:
Ukuba uxwebhu lunomfanekiso obonakalayo
Oku kuquka iifoto, ifoto efakwa kumatshini, ushicilelo lwevidiyo, umfanekiso owenziwe ngekhompyutha, imizobo, njalo njalo.:
bona imifanekiso iikopi zemifanekiso ukukhuphela imifanekiso
Ukuba uxwebhu lunamagama ashicilelweyo okanye ulwazi olunokuvakaliswa ngesandi
Mamela icala lefilimu yebhanyabhanya elinesandi( Isingxobo setheyiphu esivakalayo)
Ukhutshelo lwecala lefilimu yebhanyabhanya elinesandi ( Uxwebhu olubhalwe phantsi okanye olushicilelweyo)
Ukuba uxwebhu lukwimo ekwikhompyutha okanye kwizinto ezisebenza ngombane okanye umatshini ofundekayo:
Ukuba ucele ikopi okanye ukhutshelo loxwebhu (ngasentla), ingaba ufuna ikopi okanye ukhutshelo ukuba luposelwe kuwe? EWE /HAYI
Ukuposa kuyabhatalelwa.
Qaphela okokuba ngaba uxwebhu alufumaneki ngolwimi olukhethayo, ukufikeleleka kunokunikwa ngolwimi uxwebhu olufumaneka ngalo.
G. Isaziso sesigqibo esimalunga nesicelo sokufikeleleka
Uya kwaziswa ngokubhalwe phantsi ukuba isicelo sakho sivunyiwe / sikhatyiwe. Ukuba unqwenela ukwaziswa ngenye indlela, nceda uyibalule kwaye unike iinkcukacha ezifunekayo ukuze ube nako ukufumana ukhutshelo ngesicelo sakho.
Ukhetha ukwaziswa njani ngesigqibo malunga nesicelo sokufikeleleka kuxwebhu?
INTSAYINO GAMA YOMCELI / UMNTU ESENZELWA EGAMENI LAKHE ISICELO
Kuquka umntu "ngokusemthethweni"
Akuphelelanga kumalungelo "omgaqo-siseko"
